Iduteronomi 5 XHO75

1 Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.

2 UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.

3 UYehova akawenzanga noobawo bethu lo mnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.

4 UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.

5 Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ànanyuka niye entabeni. Wathi:

6 NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

7 Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.

8 Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.

9 Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo;

10 ndiwénzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

11 Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayi kumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.

12 Gcina umhla wesabatha, ukubu uwungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.

13 Wòsebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;

14 ke wona umhla wesixhenxe úyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;

15 ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko úkuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.

16 Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulúnge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

17 Uze ungabulali.

18 Uze ungakrexezi.

19 Uze ungebi.

20 Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.

21 Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

22 Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini nasesithokothokweni, ngezwi elikhulu, àkongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna.

23 Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu;

24 nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo. Namhla sibonile ukuba uYehova uyathetha nomntu, aphile noko.

25 Ngoko yini na ukuba sife? Ngokuba lo mlilo mkulu uya kusidla; ukuba sithe saphinda saliva ilizwi likaYehova uThixo wethu, sofa.

26 Kuba ngubani na enyameni yonke, owakha waliva ilizwi likaThixo ohleliyo, ethetha phakathi komlilo, njengathi, waphila noko?

27 Sondela wena, uve konke okuthethwa nguYehova uThixo wethu, ukuthethe wena kuthi; konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu kuwe, sokuva sikwenze.

28 Waliva ke uYehova izwi lokuthetha kwenu ekuthetheni kwenu kum; wathi uYehova kum, Ndilivile izwi lokuthetha kwaba bantu abakuthethileyo kuwe; bakulungisile konke abakuthethileyo.

29 Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulúnge kubo noonyana babo ngonaphakade!

30 Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu.

31 Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balimé.

32 Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.

33 Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulúnge kuni, niyolule imihla ezweni elo niya kulima.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34