4 Emveni kokumbulala kwakhe uSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, obemi eAshtaroti nase-Edreyi,
5 phesheya kweYordan ezweni lakwaMowabhi, waqala uMoses ukubaqononondisa lo myalelo, esithi:
6 UYehova uThixo wethu wathetha kuthi eHorebhe, wathi, Kukade nihleli kule ntaba.
7 Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati.
8 Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungáyo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
9 Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa.
10 UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu.