8 Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungáyo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
9 Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa.
10 UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu.
11 UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni.
12 Ndingáthini na ukubuthwala ndedwa ubunzima benu, nomthwalo wenu, nembambano yenu?
13 Zikhangeleleni amadoda alumkileyo, aziingqondi, aziwayo, ngokwezizwe zakomawenu, ndiwamise abe ziintloko zenu.
14 Nandiphendula nathi, Ilizwi olithethileyo lilungile ukuba silenze.