5 Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.
6 Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.
7 Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.
8 Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.
9 Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.
10 Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.
11 Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balimé ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.