17 nibanqule, uvuthe umsindo kaYehova kuni, alivingce izulu kungabikho mvula, umhlaba ungayivelisi indyebo yawo, nibhubhe kamsinya, ningabikho ezweni elihle, aninika lona uYehova.
18 La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu;
19 niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;
20 uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho:
21 ukuze yande imihla yenu, nemihla yoonyana benu, emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wobanika njengemihla yamazulu phezu kwehlabathi.
22 Kuba, ukuba nithe nawugcina ngenyameko lo mthetho wonke ndiniwiselayo ukuba niwenze, nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, ninamathele kuye;
23 wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.