22 Kuba, ukuba nithe nawugcina ngenyameko lo mthetho wonke ndiniwiselayo ukuba niwenze, nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, ninamathele kuye;
23 wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.
24 Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu.
25 Akukho mntu uya kuma phambi kwenu; ukunkwantya nini, nokoyika nina, wòkubeka uYehova uThixo wenu ezweni lonke enilinyatheleyo, njengoko wathethayo kuni.
26 Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso:
27 intsikelelo, ukuba nithé nayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwiselayo namhla;
28 isiqalekiso, ukuba nithe anayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, nesuka natyeka endleleni leyo ndiniwisele umthetho ngayo namhla, nalandela thixo bambi eningabazanga.