26 Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso:
27 intsikelelo, ukuba nithé nayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwiselayo namhla;
28 isiqalekiso, ukuba nithe anayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, nesuka natyeka endleleni leyo ndiniwisele umthetho ngayo namhla, nalandela thixo bambi eningabazanga.
29 Kothi, xa athe uYehova, uThixo wakho, wakungenisa kulo ilizwe oya kulo, usiya kulima, uyikhuphele intsikelelo phezu kwentaba yeGerizim, nesiqalekiso phezu kwentaba ye-Ebhali.
30 Ezo ntaba àziphesheya kweYordan na, ngaphaya kwendlela eya entshonalanga, ezweni lamaKanan, amiyo eArabha, malungana neGilgali, ecaleni leMioki* kaMore?
31 Kuba niya kuwela iYordan, nisiya kulihlutha ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, nilihluthe ke nime kulo.
32 Gcinani, niyenze yonke imimiselo namasiko endiwabekayo phambi kwenu namhla.