1 Yiyo le imimiselo namasiko, enowagcina ukuba niwenze ezweni elo, akunika lona uYehova uThixo wooyihlo, ukuba ulimé yonke imihla enidla ngayo ubomi emhlabeni.
2 Zichitheni kuphele zonke iindawo, apho iintlanga enizigqogqayo zabakhonzela khona oothixo bazo, ezintabeni eziphakamileyo, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;
3 nizidilize izibingelelo zazo, niziqhekeze izimiso zazo zamatye, nibatshise ngomlilo ooAshera* bazo, niyixakaxe imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo, nilicime igama lazo kule ndawo.
4 Ize ke ningenjenjalo kuYehova uThixo wenu.
5 Endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu ezizweni zenu zonke, ukuba alimise khona igama lakhe, ukuba ahlale khona, ize niquqele khona, niye khona.