16 Ligazi lodwa eningasayi kulidla; wòliphalazela emhlabeni njengamanzi.
17 Àkunakusidlela emasangweni akho isishumi sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho nawempahla yakho emfutshane, nezibhambathiso zakho zonke obhambathisa ngazo, nemibingelelo yakho yokuqhutywa yintliziyo, nomrhumo wesandla sakho.
18 Zona uze uzidlele phambi koYehova uThixo wakho, endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, wena ke, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi osemasangweni akho; uvuye phambi koYehova uThixo wakho ezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.
19 Zigcine, ungamlibali umLevi, yonke imihla yokuphila kwakho emhlabeni wakho.
20 Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungáyidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho.
21 Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho.
22 Kanye njengokuba lidliwa ibhadi nexhama, ùya kwenjenjalo ukuyidla; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla.