19 Zigcine, ungamlibali umLevi, yonke imihla yokuphila kwakho emhlabeni wakho.
20 Xa athe uYehova uThixo wakho wawenza banzi umda wakho, njengoko abethethe ngako kuwe, uthi, Ndiya kudla inyama, ngokuba umphefumlo wakho unqwenela ukuyidla inyama: ungáyidla inyama ngokungqwena konke komphefumlo wakho.
21 Xa ithe yamgama kuwe indawo leyo, aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, ukuba alimise kuyo igama lakhe: woxhela ezinkomeni zakho, nasempahleni yakho emfutshane, akunikileyo uYehova, njengoko ndakuwisela umthetho ngako, udle emasangweni akho ngokunqwena konke komphefumlo wakho.
22 Kanye njengokuba lidliwa ibhadi nexhama, ùya kwenjenjalo ukuyidla; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla.
23 Kodwa qina ungalidli igazi, kuba igazi ngumphefumlo; uze ungawudli ke umphefumlo kunye nenyama.
24 Uze ungalidli; woliphalazela emhlabeni njengamanzi.
25 Uze ungalidli; ukuze kulúnge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, xa uthe wakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova.