29 Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla phambi kwakho iintlanga, apho uya kuzigqogqa khona, wazigqogqa ke, wahlala ezweni lazo:
30 zigcine, hleze uthiyelwe uzilandele, emveni kokutshatyalaliswa kwazo phambi kwakho; hleze uquqele koothixo bazo, uthi, Zibe zisithini na ezi ntlanga ukubakhonza oothixo bazo? Ndiya kwenjenjalo nam.
31 Uze ungènjenjalo kuYehova uThixo wakho; kuba yonke into elisikizi kuYehova, ayithiyileyo, ziyenzile koothixo bazo; ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshisé emlilweni koothixo bazo.
32 Into yonke endisukuba ndiniwisele umthetho ngayo, ize nigcine ukuyenza; uze ungòngezi kuyo unganciphisi nto.