17 nengcwangube, nenkqo, nogwidi;
18 nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.
19 Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli.
20 Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningázidla.
21 Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungámnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungáthengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu.Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
22 Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka;
23 udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.