15 Imihla yoba sixhenxe usenza umthendeleko kuYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kukusikela elungeniselweni lwakho lonke, nasemisebenzini yonke yezandla zakho, ube nokuvuya kuphele.
16 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka mayibonakale into yonke eyindoda ebusweni bukaYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula; ngomthendeleko wezonka ezingenagwele, nangomthendeleko weeveki, nangomthendeleko weminquba. Makangàbonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova;
17 elowo abonakale ngokupha kwesandla sakhe, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo.
18 Wòzimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo.
19 Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa.
20 Ubulungisa, ubulungisa obu, uze ubuphuthume, ukuze uphile, ulihluthe ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho.
21 Uze ungazigxumekeli Ashera* wemithi, nokuba yiyiphi, ecaleni lesibingelelo sikaYehova uThixo wakho, ozenzela sona;