1 Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla iintlanga ezo akunika ilizwe lazo uYehova uThixo wakho, wazigqogqa wena, wahlala emizini yazo nasezindlwini zazo:
2 wòzahlulela imizi emithathu phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulimé;
3 uzilungisele indlela, uwahlule ube zahlulo zithathu umda welizwe lakho, aya kukudlisa ilifa lalo uYehova uThixo wakho, ukuze bonke ababulali basabele khona.
4 Lilo eli isiko awophathwa ngalo umbulali, othe wasabela khona ukuba asinde: Othe wambulala ummelwane wakhe ngengozi, ebengamthiyile ngaphambili;
5 waya nommelwane wakhe ehlathini, esiya kugawula imithi, isandla sakhe sajiwula izembe, enqumla imithi, yaphunyuka intsimbi emphinini, yabetha kummelwane wakhe, wafa: lowo wosabela komnye umzi kuloo mizi, asinde;
6 hleze umphindezeli wegazi amsukele umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela, ambulale afe; engafanele kufa, kuba ebengamthiyile ngaphambili.