5 waya nommelwane wakhe ehlathini, esiya kugawula imithi, isandla sakhe sajiwula izembe, enqumla imithi, yaphunyuka intsimbi emphinini, yabetha kummelwane wakhe, wafa: lowo wosabela komnye umzi kuloo mizi, asinde;
6 hleze umphindezeli wegazi amsukele umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela, ambulale afe; engafanele kufa, kuba ebengamthiyile ngaphambili.
7 Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Wòzahlulela imizi emithathu.
8 Ke ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawenza banzi umda wakho, njengoko wafungayo kooyihlo, wakunika lonke elo zwe, awathi wobanika lona ooyihlo;
9 xa uthe wawugcina ukuba uwenze, lo mthetho wonke ndikuwisela wona namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe imihla yonke; ùsaya kuyongeza imizi ibe mithathu kule mithathu;
10 ukuze kungaphalazwa gazi lingenatyala phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, amagazi abe phezu kwakho.
11 Xa athe umntu wamthiya ummelwane wakhe, wamlalela, wamvunukela, wambulala, wafa; wasabela komnye umzi kuloo mizi;