1 Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu,* njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi.
2 Wathetha uYehova kum, wathi,
3 Kukade niyijikeleza le ntaba;
4 bhekani ngasentla, ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.
5 Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.
6 Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.