2 Wathetha uYehova kum, wathi,
3 Kukade niyijikeleza le ntaba;
4 bhekani ngasentla, ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene.
5 Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.
6 Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.
7 Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Ùyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mané uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.
8 Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.