1 Uze ungàthi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; wòyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.
2 Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wòzihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.
3 Ùya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.
4 Uze ungàthi, ulibona iesile lomzalwana wakho, nokuba yinkomo yakhe, iwile endleleni, uzisithelise kuyo; wòmncedisa ukuyivusa.
5 Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.
6 Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.