14 yamngena, yaza yamthiya, yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye:
15 uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazisé kumadoda amakhulu omzi esangweni.
16 Wóthi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinike lo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya;
17 yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.
18 Amadoda amakhulu aloo mzi omthabatha loo mfo, ambethe,
19 amhlahlise ikhulu leeshekele* zesilivere, anike uyise wentombi; ngokuba wayivelisela igama elibi intombi yakwaSirayeli; ibe ngumkakhe ke. Akayi kuba nakuyala yonke imihla yakhe.
20 Ke ukuba eli lizwi lithe layinyaniso, azafumaneka iimpawu zobuntombi baloo ntombi,