26 Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.
27 Ngokuba úyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.
28 Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engàganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:
29 loo mfo uyileleyo wómnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.
30 Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.