5 Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.
6 Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.
7 Wòmndulula unina lowo, uzithabathele amathole lawo, ukuze kulúnge kuwe, uyolule imihla yakho.
8 Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.
9 Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.
10 Uze ungalimi ngenkomo ne-esile kunye.
11 Uze ungambathi ingubo engumxube, uboya nelinen ndawonye.