11 Kothi, xa kuhlwayo, ihlambe ngamanzi; ithi lakutshona ilanga, ingene ke ngaphakathi kweminquba.
12 Wòba nendawo engaphandle kweminquba, uphume ke uye khona endle.
13 Uze ube nolungxa empahleni yakho; kuthi ekuhlaleni phantsi kwakho endle, umbe ngalo, uhlale phantsi, ukuselele okuphuma kuwe;
14 ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho, angaboni nto iziintloni kuwe, ajike emke kuwe.
15 Uze ungasinikeli enkosini yaso isicaka esisabele kuwe, sisuka enkosini yaso.
16 Sohlala nawe phakathi kwenu, kuloo ndawo sithe sayinyula kwelinye isango emasangweni akho, apho kusilungele khona; uze ungasixinzeleli phantsi.
17 Makungabikho ng'awukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli.