3 yamthiya le ndoda iyiyimbi, yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo; nokuba ithe yafa le ndoda iyiyimbi yamzekayo wangumkayo:
4 mayingabi nako indoda yakhe yokuqala eyamgxothayo, ukubuya imzeke abe ngumkayo, emveni kokuba enziwe inqambi; ngokuba lisikizi elo kuYehova. Uze ungalenzi, ukuba lone ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa.
5 Xa indoda ithe yazeka umfazi omtsha, mayingaphumi nomkhosi, ingàphathiswa msebenzi nawuphi. Yokhululeka ngenxa yendlu yayo umnyaka ube mnye, ivuyisane nomkayo emzekileyo.
6 Makangenziwa sibambiso amatye okusila, nokuba lelingaphezulu, kuba oko kukubambisa ngomphefumlo.
7 Xa ithe indoda yafunyanwa isiba umntu ebazalwaneni bayo, oonyana bakaSirayeli, imphathe kakubi, ithengise ngaye njengekhoboka: malife elo sela; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
8 Zigcine esibethweni seqhenqa, ugcine kunene, wenze ngokwezinto zonke abaya kuniyala ngazo ababingeleli, abaLevi; njengoko ndabawisela umthetho, nigcine ukwenza.
9 Khumbula oko uYehova uThixo wakho wakwenza kuMiriyam endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa.