12 wòsinqumla isandla sakhe, lingabi nanceba iliso lakho.
13 Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane.
14 Uze ungabi nee-efa* ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane;
15 uze ube nelitye elizalisekileyo, elilelobulungisa; uze ube ne-efa ezalisekileyo, eyiyeyobulungisa, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunikayo uYehova uThixo wakho.
16 Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.
17 Khumbula loo nto wayenzayo uAmaleki kuwe endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa;
18 owakuhlangabezayo ngendlela, wabetha kuwo umqosheliso wakho, bonke abaphelelweyo abasemva kuwe, útyhafile, údiniwe; akamoyika uThixo.