16 Namhlanje uYehova uThixo wakho ukuwisele umthetho, ukuba uyenze le mimiselo nala masiko; uwagcine ke, uwenze ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.
17 UYehova namhla ùmbangile wathi únguThixo kuwe, nokuba wena wòhamba ngeendlela zakhe, uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, uliphulaphule izwi lakhe.
18 NoYehova namhla unibangile nina, wathi ningabantu abayinqobo kuye, njengoko wathethayo kuni, ukuze niyigcine yonke imithetho yakhe;
19 aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ukuba nibe yindumiso, negama, nendili; nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo.