1 UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli abawisela abantu umthetho, esithi, Wugcineni wonke umthetho endiniwiselayo namhla.
2 Wòthi, ngemini enithe nayiwela iYordan, nangena kwelo zwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu,
3 uwaqabe ngefutha, ubhale kuwo onke amazwi aló myalelo, wakuba uwelile; ukuze ungene kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo, ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko uYehova uThixo woyihlo wathethayo kuwe.
4 Nothi, nakuyiwela iYordan, nimise la matye ndiniwisela umthetho ngawo namhla, entabeni ye-Ebhali, uwaqabe ngefutha;
5 wakhele apho isibingelelo kuYehova uThixo wakho, isibingelelo samatye; ungasiphakamiseli ntlabo yantsimbi.
6 Wosakha ngamatye awonke isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unyuse phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova uThixo wakho;
7 ubingelele imibingelelo yoxolo, udle khona, uvuye phambi koYehova uThixo wakho;