20 UYehova akasayi kuvuma ukumxolela; wosuka uqhume umsindo kaYehova nekhwele lakhe kuloo ndoda, silale phezu kwayo sonke isishwabulo esibhaliweyo kule ncwadi, alicime uYehova igama layo phantsi kwezulu.
21 Wóyahlulela uYehova okubi ezizweni zonke zamaSirayeli, ngokwezishwabulo zonke zomnqophiso obhaliweyo encwadini yalo myalelo.
22 Sóthi isizukulwana esisemva kwenu, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu nowolunye uhlanga ovela ezweni elikude, bazibone izibetho zelo lizwe, nezifo zalo uYehova azihlisileyo kulo:
23 isulfure netyuwa, litshile lonke ilizwe lakhona, lingàhlwayelwa, lingahlumi nto, lingaphumi tyani; linjengokubhukuqwa kweSodom neGomora, iAdama neTsebhoyim, awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangobushushu bakhe.
24 Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwaló msindo mkhulu kangaka?
25 Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, áwawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.
26 Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena.