24 Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwaló msindo mkhulu kangaka?
25 Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, áwawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.
26 Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena.
27 Wavutha ke umsindo kaYehova kwelo zwe, ukuba kuziswe phezu kwalo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi;
28 uYehova wabanyothula emhlabeni wabo ngomsindo, nangobushushu, nangoburhalarhume obukhulu, wabaphosa zweni limbi, njengoko kunjalo namhla.
29 Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni, ukuze siwenze onke amazwi alo myalelo.