4 Ke akaninikanga uYehova intliziyo yokwazi, namehlo okubona, neendlebe zokuva, unanamhla.
5 Ndinihambisile iminyaka engamashumi amané entlango. Iingubo zenu azonakalanga bubudala, zinishiye; neembadada zakho azonakalanga ziphele ezinyaweni zakho;
6 anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
7 Nafika kule ndawo, waphuma uSihon ukumkani waseHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, basihlangabeza ngemfazwe, sababulala;
8 salithabatha ilizwe labo salinika amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ukuba libe lilifa.
9 Wagcineni ke amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nikwenze ngengqiqo konke eniya kukwenza.
10 Nimi namhla nonke niphela phambi koYehova uThixo wenu; iintloko zenu, nezizwe zenu, namadoda amakhulu akowenu, nababhali benu, onke amadoda akwaSirayeli,