14 UYahire, unyana kaManase, wathabatha wonke ummandla weArgobhi, wada wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wawubiza ngegama lakhe, wathi iBhashan yiHavotiyahire,* unanamhla.
15 UMakire ndamnika elaseGiliyadi.
16 AmaRubhen namaGadi ndawanika, ndithabathela kwelaseGiliyadi, ndada ke ndesa kumlanjana oyiArnon, empholokhohlweni wesihlambo, naloo mmandla waso, ndada ndesa naseYabhoki emlanjaneni, emdeni woonyana baka-Amon;
17 neArabha, neYordan nommandla wayo, ndithabathela eKinerete, ndada ndesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa, phantsi kwamaxandeka ePisga ngasempumalanga.
18 Ndaniwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, uYehova uThixo wenu uniniké eli lizwe ukuba nilihluthe. Welani nixhobile phambi kwabazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, nonke nina bafo banobukroti.
19 Kodwa abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu (ndiyazi ukuba ninemfuyo eninzi), mabahlale emizini yenu endininike yona;
20 ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balimé nabo ilizwe elo abanika lona uYehova uThixo wenu phesheya kweYordan; nibuyele ke elowo elifeni lakhe endininike lona.