19 Kodwa abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu (ndiyazi ukuba ninemfuyo eninzi), mabahlale emizini yenu endininike yona;
20 ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balimé nabo ilizwe elo abanika lona uYehova uThixo wenu phesheya kweYordan; nibuyele ke elowo elifeni lakhe endininike lona.
21 UYoshuwa ndamwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, Amehlo akho akubonile konke oku akwenzileyo uYehova uThixo wenu kwaba kumkani bobabini; úya kwenjenjalo ke uYehova kwizikumkani zonke owelela kuzo.
22 Ize ningaboyiki; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo.
23 Ndatarhuzisa kuYehova ngelo xesha, ndisithi, Nkosi yam,
24 Yehova, uqalile ukumbonisa umkhonzi wakho ubukhulu bakho, nesandla sakho esithe nkqi; ngokuba nguwuphi na uthixo emazulwini nasehlabathini, ongenza ngokwezenzo zakho, nangokwemisebenzi yakho yobugorha?
25 Makhe ndiwele kaloku, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan, loo ntaba intle, neLebhanon.