5 Yonke loo mizi ibinqatyiswe ngodonga oluphakamileyo, namasango, nemivalo; iyodwa imizi yabasemaphandleni, eyabe imininzi kunene.
6 Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon; sasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana.
7 Ke zona iinkomo zonke namaxhoba aloo mizi sazithimbela.
8 Salithabatha ke ngelo xesha ilizwe esandleni sookumkani bobabini bama-Amori, elingaphonoshono kweYordan, lisusela kumlanjana oyiArnon, lada lesa entabeni yeHermon
9 (amaTsidon athi iHermon leyo yiSiriyon, ke ama-Amori athi yiSenire),
10 yonke imizi yehewu, neyelaseGiliyadi lonke, neBhashan yonke, kwada kwesa eSaleka ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan.
11 Ngokuba nguOgi yedwa, ukumkani waseBhashan, impunde eyayisele kumaRafa. Nantso ikoyi yakhe, ikoyi yentsimbi; asiyiyo na leya iseRabha yakoonyana baka-Amon? Iziikubhite* ezisithoba ubude bayo, iziikubhite eziné ububanzi bayo, ngokwekubhite yabantu.