2 wàbuyela kuYehova uThixo wakho, waliphulaphula ilizwi lakhe, njengako konke endikuwisela umthetho ngako namhla, wena noonyana bakho, ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke:
3 wókubuyisa ke uYehova uThixo wakho ukuthinjwa kwakho, abe nemfesane kuwe, abuye akubuthe ezizweni zonke abekuphangalalisele kuzo uYehova uThixo wakho.
4 Ukuba ùthe wagxothelwa esiphelweni sezulu, wókubutha nakhona apho uYehova uThixo wakho; wókuphuthuma nakhona apho.
5 Wókuzisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe ababelihluthile ooyihlo, ulimé, akwenzele okulungileyo, akwandise ngaphezu kooyihlo.
6 Wóyalùsa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.
7 Wózibeka uYehova uThixo wakho zonke ezi zishwabulo phezu kweentshaba zakho, naphezu kwabakuthiyileyo, abakutshutshisileyo;
8 ubuye ke wena, uliphulaphule izwi likaYehova, uyenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla.