10 UMoses wabawisela umthetho, esithi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ngexesha elimisiweyo lomnyaka woyekelelo, emthendelekweni weminquba,
11 ekuzeni kubonakala kwamaSirayeli onke phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula, wòwulesa lo myalelo phambi kwamaSirayeli onke ezindlebeni zawo.
12 Bobizelwa ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo;
13 beve noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, yonke imihla enidla ubomi ngayo, kuloo mhlaba eniwela iYordan nisiya kuwuma.
14 Wathi uYehova kuMoses, Yabona, isondele imihla yakho yokuba ufe. Biza uYoshuwa, niye nime ententeni yokuhlangana, ndimyale. Baya ooMoses noYoshuwa, bema ententeni yokuhlangana.
15 Wabonakala uYehova ententeni emqulwini welifu. Wamana umi umqulu welifu phezu komnyango wentente.
16 Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ùya kulala nooyihlo; basùke aba bantu bahenyuze ngokulandela thixo bambi belo zwe bangena kulo phakathi kwalo, bandishiye, bawaphule umnqophiso wam endiwenze nabo;