22 Wayibhala uMoses loo ngoma ngaloo mini, wayifundisa oonyana bakaSirayeli.
23 Wammisela uYoshuwa unyana kaNun umthetho; wathi, Yomelela, ukhaliphe, kuba ùya kubangenisa wena oonyana bakaSirayeli kwelo zwe ndabafungela lona. Ndiya kuba nawe mna.
24 Kwathi, akugqiba uMoses ukuwabhala amazwi alo myalelo encwadini ada agqitywa,
25 uMoses wabawisela umthetho abaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, esithi,
26 Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni.
27 Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam?
28 Bizelani ndawonye onke amadoda amakhulu ezizwe zenu, nababhali benu, beze kum, ndiwathethe la mazwi ezindlebeni zabo, ndingqinisise amazulu nehlabathi ngabo.