25 Ngaphandle kophanga ikrele,Ezingontsini kuphange izothuso,Kufane indodana nentombi,Kufane owanyáyo nengwevu.
26 Ngendiba ndithi, Ndiya kubaphephetha,Ndisiphelise isikhumbuzo sabo ebantwini;
27 Koko ndinxungupheleyo kukuqunjiswa lutshaba,Hleze ababandezeli babo bangaqondi;Hleze bathi, Kuphakamé isandla sethu;Àkwenziwe nguYehova oku konke.
28 Ngokuba luhlanga oluphelelwe ngamacebo,Tu ingqondo kubo.
29 Akwaba babelumkile; ngebekuqiqa oku,Basiqonde isiphelo sabo.
30 Yo! Ebengayi kuthi na emnye kubo asukele iwaka,Bebabini bagxothe amawaka alishumi,Ukuba belingathengisanga ngabo iLiwa labo,Wabanikela uYehova?
31 Kuba alinjengeLiwa lethu iliwa lazo,Iintshaba zethu zingabagwebi boko.