3 Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova:Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!
4 NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe,Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni;NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha;Lilungisa, uthe tye yena.
5 Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo,Sizonakalisile kuye — singenyana bakhe, sisiphako sabo.
6 Nènjenje na ukumphatha uYehova?Bantundini banobudenge, bangenabulumko,Akanguye na uyihlo okudalileyo,Okwenzileyo, okusekileyo?
7 Khumbula iimini zasephakadeni,Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana.Buza kooyihlo, bakubalisele,Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.
8 Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa,Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam,Wayimisa imida yezizweNgokwenani loonyana bakaSirayeli.
9 Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe,UYakobi licandelo lelifa lakhe.