32 Kuba umdiliya wabo ngowomdiliya waseSodom,Ngowamasimi aseGomora.Iidiliya zabo ziidiliya ezinobuhlungu,Izihloko zazo zinobukrakra.
33 Bubuhlungu benyushu iwayini yabo,Yinyongo enobujorha yamaphimpi.
34 Oku àkubekwe kum na,Kwavingcelwa koovimba bam?
35 Yeyam impindezelo nembuyekezoNgexesha lokutyibilika konyawo lwabo;Ngokuba usondele umhla wokusindeka kwabo,Kuyakhawuleza abakumiselweyo.
36 Ngokuba úya kugweba phakathi kwabantu bakhe uYehova,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe,Xa abonayo ukuba ethile amandla,Uphelile ovalelweyo novulelweyo.
37 Wóthi ke, Baphi na kaloku oothixo babo,Iliwa ababezimela ngalo:
38 Ababesidla amanqatha emibingelelo yabo,Ababesela iwayini yeminikelo yabo ethululwayo?Mabasuke banincede,Kubekho isithe phezu kwenu.