41 Ukuba ndithe ndalilola ikrele lam elingumbane,Sabambelela elugwebeni isandla sam,Ndoyibuyisela impindezelo kubabandezeli bam,Ndibuyekeze kubathiyi bam.
42 Ndozinxilisa iintolo zam ngegazi,Ikrele lam liyidle inyamaNgegazi labahlatyiweyo nabathinjiweyo,Ngentloko enesihlwitha yotshaba.
43 Memelelani, zintlanga, ngenxa yabantu bakhe,Ngokuba eliphindezelela igazi labakhonzi bakhe,Abuyisele impindezelo kubabandezeli bakhe,Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.
44 Weza ke uMoses, wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu, yena noYoshuwa unyana kaNun.
45 Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke,
46 wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.
47 Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu; ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.