49 Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo;
50 ufele entabeni oyinyukayo, uhlanganiselwe kubantu bakowenu, njengokuba wafayo umkhuluwa wakho uAron entabeni yeHore, wahlanganiselwa kubantu bakowabo;
51 ngenxa yokuba namenezayo kum phakathi koonyana bakaSirayeli emanzini aseMeribha yaseKadeshe, entlango yeTsin, ngenxa yokuba ningàndingcwalisanga phakathi koonyana bakaSirayeli.
52 Ngokuba wolibona ilizwe liphambili, kodwa ungangeni kulo ilizwe endilinika oonyana bakaSirayeli.