13 NgoYosefu wathi,Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakheNgezinto ezinconywayo zezulu;Ngombethe nangamanzi enzonzobila elele ezantsi,
14 Nangezinconywayo eziveliswa lilanga,Nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga,
15 Nangeencopho zeentaba zamandulo,Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade,
16 Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo.Nekholo lowahlala etyholweniMalifike entlokweni kaYosefu,Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe.
17 Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo!Ziimpondo zenqu iimpondo zayo;Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi.Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo.Ngamawaka akwaManase ke lawo.
18 NgoZebhulon wathi,Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho;Vuya, Isakare, ngeentente zakho.
19 Baya kumema izizwe, zize entabeni,Babingelele khona imibingelelo yobulungisa;Ngokuba besanya ubutyebi beelwandleNezinto eziselelwe entlabathini.