18 NgoZebhulon wathi,Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho;Vuya, Isakare, ngeentente zakho.
19 Baya kumema izizwe, zize entabeni,Babingelele khona imibingelelo yobulungisa;Ngokuba besanya ubutyebi beelwandleNezinto eziselelwe entlabathini.
20 NgoGadi wathi,Makabongwe owandisa uGadi.Ubuthuma njengengonyamakazi,Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.
21 Wazibonela isahlulo esiyingqalo;Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho.Weza kwiintloko zabantu,Wenza ubulungisa bukaYehova,Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.
22 Wathi ngoDan,UDan lithole lengonyama;Usuka umtsi eBhashan.
23 NgoNafetali wathi,Nafetali, ukholisiweyo kanye,Uzeleyo yintsikelelo kaYehova,Wòluhlutha ulwandle nomzantsi.
24 NgoAshere wathi,Úsikelelwe ngaphezu koonyana uAshere;Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe,Athi nkxu unyawo lwakhe eolini.