3 Inene, úyazithanda izizwe.Bonke abangcwele bakhe basesandleni sakho,Bahlala ezinyaweni zakho,Besuke ngamazwi akho.
4 UMoses wasiwisela umyalelo,Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.
5 Waba ngukumkani kwaYeshurun,Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu,Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.
6 URubhen makadle ubomi, angafi;Angabi mbalwa amadoda akhe.
7 Le yintsikelelo kaYuda, wathi,Yiva, Yehova, izwi likaYuda,Umngenise kubantu bakowabo;Úyabalwela ngezandla zakhe;Ùmnceda wena kubabandezeli bakhe.
8 Wathi ngoLevi,IiTumim zakho neeUrim* zakho zezomntu wakho wenceba,Owamlingayo eMasa,*Wabambana naye emanzini aseMeribha.*
9 Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni;Akatheni nabazalwana bakhe,Akabazi noonyana bakhe;Ngokuba egcine intetho yakho,Wabamba umnqophiso wakho.