4 UMoses wasiwisela umyalelo,Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.
5 Waba ngukumkani kwaYeshurun,Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu,Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.
6 URubhen makadle ubomi, angafi;Angabi mbalwa amadoda akhe.
7 Le yintsikelelo kaYuda, wathi,Yiva, Yehova, izwi likaYuda,Umngenise kubantu bakowabo;Úyabalwela ngezandla zakhe;Ùmnceda wena kubabandezeli bakhe.
8 Wathi ngoLevi,IiTumim zakho neeUrim* zakho zezomntu wakho wenceba,Owamlingayo eMasa,*Wabambana naye emanzini aseMeribha.*
9 Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni;Akatheni nabazalwana bakhe,Akabazi noonyana bakhe;Ngokuba egcine intetho yakho,Wabamba umnqophiso wakho.
10 Baya kumyala uYakobi ngamasiko akho, Bamyale uSirayeli ngomyalelo wakho,Babeke isiqhumiso ezimpumlweni zakho,Namadini apheleleyo esibingelelweni sakho.