5 Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ànanyuka niye entabeni. Wathi:
6 NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
7 Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
8 Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
9 Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo;
10 ndiwénzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
11 Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayi kumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.