17 Xa uthe entliziyweni yakho, Ezi ntlanga zininzi kunam, ndinokuthini na ukuzigqopha? uze ungazoyiki.
18 Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke;
19 izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Úya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo.
20 Ngaphezu koko, uYehova uThixo wakho uya kuthuma oonomeva kuzo, zide ezo ziselayo, zizisithelisayo ebusweni bakho, zibhubhe.
21 Uze ungangcangcazeli ebusweni bazo; ngokuba uYehova uThixo wakho phakathi kwakho nguThixo omkhulu, owoyikekayo.
22 UYehova uThixo wakho uya kuzinyothula ezi ntlanga ebusweni bakho, kancinane, kancinane. Akuyi kuba nako ukuziphelisa kamsinya, hleze ande akongamele amarhamncwa asendle.
23 UYehova uThixo wakho wozinikela kuwe, azidungadunge ngodungadungo olukhulu, zide zitshatyalaliswe;