1 Yiva, Sirayeli! Ùyayiwela namhla iYordan, usiya kuzihlutha iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunawe, imizi emikhulu, enqatyiswe yesa ezulwini;
2 abantu abakhulu, abade, oonyana baka-Anaki, obaziyo wena, obavileyo wena kusithiwa ngabo, Ngubani na onokuma phambi koonyana baka-Anaki?
3 Yazi ke namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye owela phambi kwakho, engumlilo odlayo. Wòbatshabalalisa, wobathoba phambi kwakho; ubagqogqe, ubacime kamsinya, njengoko wathethayo kuwe uYehova.
4 Uze ungatsho entliziyweni yakho ekubagxotheni kukaYehova uThixo wakho ebusweni bakho, ukuthi, Kungobulungisa bam andingenisileyo uYehova, ukuba ndilimé eli lizwe. Kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.
5 Akungabulungisa bakho, nokuthi tye kwentliziyo yakho, le nto ungénayo ulimé ilizwe lazo: kuba kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova, uThixo wakho, azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho, ukuze alimise ilizwi elo uYehova abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.