11 Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.
12 Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonákalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.
13 Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;
14 ndíyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwènze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.
15 Ndajika ke ndehla entabeni, intaba isitsha ngumlilo, amacwecwe omabini omnqophiso esezandleni zam zozibini.
16 Ndakhangela, ndabona ukuba nonile kuYehova uThixo wenu, nazenzela ithole elingumtyhido, natyeka kamsinya endleleni leyo waniwisela umthetho ngayo uYehova.
17 Ndawathabatha amacwecwe omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqhekeza emehlweni enu.