16 Ndakhangela, ndabona ukuba nonile kuYehova uThixo wenu, nazenzela ithole elingumtyhido, natyeka kamsinya endleleni leyo waniwisela umthetho ngayo uYehova.
17 Ndawathabatha amacwecwe omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqhekeza emehlweni enu.
18 Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enoné ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;
19 kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso sihlandlo.
20 UYehova wamfuthela kunene uAron, ukuba amtshabalalise; ndamthandazela noAron lowo ngelo xesha.
21 Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.
22 NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.