19 kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso sihlandlo.
20 UYehova wamfuthela kunene uAron, ukuba amtshabalalise; ndamthandazela noAron lowo ngelo xesha.
21 Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.
22 NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.
23 Nasekunisuseni kukaYehova eKadeshebharneha, esithi, Nyukani, nilimé ilizwe elo ndininikileyo, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu, ànakholwa nguye, analiphulaphula izwi lakhe.
24 Naba neenkani kuYehova, kususela kwimini endanazi ngayo.
25 Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mané nobusuku obumashumi mané, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.